Artikel

Isigqibo seebhodi ezilawulayo sokufundisa izifundo ngolwimi lwebele, itsho iFEDSAS

19/02/2018 - Fedsas


Kuyaziwa ngokubanzi ukuncedakala kwemimandla enabantu abathetha iilwimi ezininzi. Uphando luyangqina ukuba ubuqili bokuthetha iilwimi ezingaphezu kwesinye bunalo ixabiso lobungcaphephe kwezentlalo, eziqwini zabantu, nakwimfundo ephakamileyo. Ngemibhiyozo yoSuku lweeLwimi esiZalelwe kuzo olungumhla wama-21 kuFebhuwari, iNdibanisela yeeBhodi zoLawulo lweziKolo zoMzantsi Afrika (FEDSAS), izakube ijoliswe kwizifundo ezifundiswa ngeeLwimi eziNinzi.
         
“Ngezifundo ezifundiswa ngeelwimi ezininzi sithetha ukuba abantwana banelungelo lokuzikhethela ukuba loluphi ulwimi abanokuthanda ukufundiswa ngalo. Uxinzelelo lweezopolitiko lusoloko lungunobangela wokuba masisoloko silibala ukuba inkqubo yezemfundo yoMzantsi Afrika inesiseko esikukufundiswa kwezifundo ngeelwimi ezininzi – sezikhona izikolo ezinazo zonke ezilishumi elinanye iilwimi zaseburhulumenteni,” utsho uGqirha Jaco Deacon, oliSekela leGosa eliyiNtloko kwi-FEDSAS.
         
UDeacon uthi umngeni ayibobukho bezifundo ezifundiswa ngolwimi umntwana azalelwe kulo, umngeni bubukho bemfundo ekowona mgangatho uphezulu efundiswayo ngazo zonke ezo lwimi zilishumi elinanye zaseburhulumenteni.  “Umgaqo-nkqubo wolwimi lwesikolo usisizathu esikukuphela kwaso esingunobangela wokuba abantwana nabazali bazikhethele isikolo esithile ngokubona kwabo. Isizathu sokuthathwa kwesigqibo ngumgangatho ophezulu wemfundo. Ukujolisa kwethu ezifundweni ezifundiswa ngeelwimi ezininzi, iFEDSAS ifuna ukuthi kungumsebenzi wabathathi-nxaxheba ukuqinisekisa ukuba zikhona izikolo ezikwinqanaba eliphezulu ekufundiseni ngazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni. Le kukuphela kwendlela yokuqinisekisa ukuba abantwana bafumana imfundo ekumgangatho ophezulu ngolwimi abazalelwe kulo.”
         
Ukhetho lwebhodi yokulawula izikolo olwenzeka kuyonke iminyaka emithathu luza kuqaliswa kwinyanga ezayo.  Ukwenza izigqibo ngolwimi lwesikolo ngomnye wemisebenzi yebhodi elawula isikolo. “Ukuba abazali nabathathi-nxaxheba bommandla wesikolo esithile bayaqonda ukuba esabo isikolo, imfundo yaso ayikho emgangathweni uphezulu, ukhetho lweBhodi eLawula isiKolo luyabanika ithuba lokuzibandakanya. Endaweni yokuba bakroze befuna izikolo eziphucukileyo abanokubasa kuzo abantwana babo, apho baza kufundiswa ngolwimi abangazalelwanga kulo, abathathi-nxaxheba banakho ukuqinisekisa ukuba isikolo sommandla  abahlala kuwo  siyaphuhliswa ukuze sibe kowona mgangatho uphezulu.”
         
Apha iFEDSAS idlala indima ebalulekileyo ekuxhobiseni amalungu ebhodi elawulayo.  Enye yeeprojekhthi ezininzi zokuqinisekisa ngomgangatho ophezulu wokulawulwa kwesikolo isisikhokelo seebhodi ezilawulo izikolo. Isikhokelo esisebenzayo sokulawulwa kwezikolo siyafumaneka ngeelwimi ezintandathu, ziquka isiNgesi, isiBhulu, isiSuthu, isiTswana, isiXhosa nesiZulu. Kwamsinyane siza kufumaneka ngazo zonke iilwimi ezilishumi elinanye.   
         
“Ulwazi olubhekiselele kulawulo lwezikolo lusoloko lunobucukubhede ngokwenkqubo. Imfundo ekumgangatho ophezulu inxulumene ngokuthe ngqo nolawulo olukumgangatho okwaphezulu, kungoko iFEDSAS ifuna ukuba olu lwazi malufikeleleke kangangoko,” utsho uDeacon.
         
Esi sikhokelo sibonelela ngesishwankathelo esifutshane seengongoma eziphambili zokulawulwa kwezikolo, sikwasisiqalo samalungu ebhodi asandula ukunyulelwa ukulawula isikolo, namalungu asele ekhona afuna ukwandisa ulwazi   kunye namava anawo.
  • Iphulo leenkcukacha ezintsonkothileyo zeFEDSAS nokukhethwa kweBhodi eLawula isiKolo liquka ukuqulunqwa kweewebhusayithi ezimbini, apho abazali nabathathi-nxaxheba banokufumana iinkcukacha ngokhetho nangenxaxheba yebhodi elawulayo.  Iiwebhusayithi ziyafumaneka apha:  www.schoolelections.co.za  nalapha:  www.lovemyschool.co.za
  • Ukufumana ezinye iinkcukacha ngesi sikhokelo, ncedani nityhile apha:  www.fedsas.org.za  okanye  tsalelani kule nombolo:  051-522 6903.

Copyright FEDSAS 2024 | NPO Registration No. 128-598NPO | NWO-registrasienr 128-598NPO | Privaatheidsbeleid